








Anje xa ndibhala okanye ndithetha ngoMprofethi uMhambi waseMtata akasanditsaleli umnxeba endibule nangefoni oko kuya emagqwetheni akhe,wona andithumelele iincwadi ezigrogrisayo ezithi mandiyeke ukubhala ngaye. Ukhe wandigrogrisa nangokuba uza kundimangalela kwiNkundla ePhakamileyo. Eneneni,ikwanguye uMhambi owandicela ukuba ndibhale ngaye ukuze aziwe ngabantu, esenza izithembiso endandizibhala phantsi naye kumvuyisa oko ukususela ndisengumhleli wephephadaba IMVO de ndaba ngumhleli weBONA. Ndafumanisa ukuba uMhambi ungumntu okuthandayo ukuduma nokuthandayo ukufunda nokuva kuthethwa ngaye ngamajelo eendaba. Ndamenza waziwa ngabantu. Ndathi ndakuhamba kwiMVO, umhleli owangena ezihlangwini zam wayeka ukubhala ngoMhambi, kuba esithi ufuna eze nobungqina bokuba ngenene uyayinyanga iAIDS . Wala nokukhupha izibhengezo zakhe kwiMVO. Umhambi wanditsalela umnxeba endixelela ukuba unabo ubungqina bokuba uyayinyanga iAIDS-wathi kukho umguli amnyanga eneAIDS ozimiseleyo ukuthetha ngefoni . Wasithatha noMike Mtakati saya eMdantsane apho safika sadlanin'dlebe noPamela Molose. Kwabakho into endixelela ukuba yonke into awayesixelela yona wayeyixelelwe. Saboniswa neencwadi zasesibhedlele zikaMolose. Njengoko nisazi, oko kwavela ukuba ngamampunge ngokuhamba kwexesha! Ngaphambi koko uMhambi waProfetha ukuba uza kunyanga uBruce Sosibo waseThekwini owayeneAids ngeeveki ezine! Zaqengqeleka iiveki neenyanga, de kwaphela unyaka engakamnyangi. uBruce wayejikeleza kulo lonke eli exelela abantu ukuba inyangiwe iAIDS kuye nokuthi iBONA ibhala ubuxoki ngaye. Usosibo wayelawulwa kangangokuba wayaku thethana kwinkqubo yeRadio Xhosa ethi 12 - Downes . Ibiza ngokuba singamaxoki. Kodwa ngoku umnabeluqaqaqa! Ukusweleka kwakhe bekusenziwa indaba yakwamkhozi! Ibe ngumnqa into yokuba uMhambi angawaxeleli amajelo eendaba ngokufa kwakhe. Thina, apha kwaBONA siyazingca ngokuba yimagazini yokuqala ukuva ngokusweleka kukaBruce saza sa xelela iRadio Transkei , ethe yakuzibhengeza ezo ndaba yafumana incwadi eyigrogrisa ngokuyimangalela evela emagqwetheni kaMhambi. UMhambi wenza izithembiso ezothusayo ezingafezekiyo, wazama nokusenza abantu abangamaxoki. Ekugqibeleni

6 BONA XHOSA - October 1996

